Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 138:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo yam yonke;Phambi koothixo ndiya kukubethela uhadi.

2. Ndiya kuqubuda ndibhekise etempileni yakho engcwele,Ndibulele kwigama lakho, ngenxa yenceba yakho, nangenxa yenyaniso yakho;Kuba ulikhulisile ilizwi lakho ngaphezu kwegama lakho lonke.

3. Ngomhla wokubiza kwam wandiphendula,Wandikhaliphisa, yangamandla emphefumlweni wam.

4. Baya kubulela kuwe, Yehova, bonke ookumkani behlabathi,Bakuweva amazwi omlomo wakho;

5. Bavume ngeendlela zikaYehova,Ukuba lukhulu uzuko lukaYehova:

6. Ngokuba noko uYehova aphakamileyo, úyambona othobekileyo;Ke yena oziphakamisayo úmazi nakude.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 138