Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 137:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibizaIzango zengoma;Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo,Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.

4. Singáthini na ukuvuma ingoma kaYehovaEmhlabeni wolunye uhlanga?

5. Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem,Masinyèle isandla sam sokunene.

6. Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam,Ukuba andithanga ndikukhumbule;Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalemNgaphezu kwemivuyo yam yonke.

7. Bakhumbule, Yehova, oonyana bakaEdom,Umhla weYerusalem,Abo bathi, Yidilizeni, yidilizeniKuse elusekweni lwayo.

8. Ntombi inguBhabheli, wena unyashiweyo;Hayi, uyolo lwalowo ukubuyekezayo ukuphatha kwakhoOsiphethe ngako!

9. Hayi, uyolo lwalowo ubabambayo abahlekeze abantwana bakhoEngxondorheni!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 137