Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 137:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. sahlala phantsi khona, salila,Sakùyikhumbula iZiyon.

2. Emingculubeni phakathi kwayoSazixhoma khona iihadi zethu.

3. Ngokuba khona apho abathimbi bethu basibizaIzango zengoma;Abathuthumbisi bethu basibiza uvuyo,Besithi, Sivumeleni ingoma yaseZiyon.

4. Singáthini na ukuvuma ingoma kaYehovaEmhlabeni wolunye uhlanga?

5. Ukuba ndithe ndakulibala, Yerusalem,Masinyèle isandla sam sokunene.

6. Ulwimi lwam malunamathele ekhuhlangubeni lam,Ukuba andithanga ndikukhumbule;Ukuba andithanga ndiyinyuse iYerusalemNgaphezu kwemivuyo yam yonke.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 137