Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 136:11-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

12. Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.

13. KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,* lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

14. Wawaweza amaSirayeli esazulwini salo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

15. Wamvuthululela uFaro nempi yakhe eLwandle oluBomvu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

16. Kulohambisa abantu bakhe entlango:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

17. Kulowaxabela ookumkani abakhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 136