Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 136:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2. Bulelani kuThixo woothixo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

3. Bulelani kuNkosi kankosi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

4. KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:Ngokuba ingunaphakade inceba yake.

5. KuloMenzi wezulu ngengqondo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

6. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

7. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

8. Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

9. Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10. Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

11. Wawakhupha amaSirayeli phakathi kwawo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

12. Ngesandla esithe nkqi, nangengalo eyolukileyo:Ngokuba ingunaphakade inceba yekhe.

13. KuloMgabuli woLwandle oluBomvu,* lwagabuka:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 136