Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 135:7-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi,Imvula wayenzela imibane;Ulorhola umoya koovimba bakhe.

8. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;

9. Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;

10. Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;

11. OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;

12. Walinikela ilizwe labo lalilifa,Lalilifa kumaSirayeli, abantu bakhe,

13. Yehova, igama lakho lingunaphakade,Inkumbuzo yakho, Yehova, ikwizizukulwana ngezizukulwana.

14. Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.

15. Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,Umsebenzi wezandla zabantu.

16. Zinomlomo nje, azithethi;Zinamehlo nje, aziboni;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 135