Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 135:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ngokuba uYehova uya kugweba phakathi kwabantu bakhe,Azohlwaye ngenxa yabakhonzi bakhe.

15. Izithixo zeentlanga yisilivere negolide,Umsebenzi wezandla zabantu.

16. Zinomlomo nje, azithethi;Zinamehlo nje, aziboni;

17. Zineendlebe nje, aziva;Akukho nento engumoya emlonyeni wazo.

18. Baya kuba njengazo abenzi bazo,Bonke abasukuba bekholose ngazo.

19. Nina ndlu kaSirayeli, bongani uYehova;Nani ndlu ka-Aron, bongani uYehova.

20. Nina ndlu kaLevi, bongani uYehova;Nani boyika uYehova, bongani uYehova.

21. Ngowokubongwa uYehova eZiyon,Ulohlala eYerusalem.Haleluya!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 135