Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 135:1-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Dumisani igama likaYehova;Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,

2. Nimiyo endlwini kaYehova,Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.

3. Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova;Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.

4. Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe,Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.

5. Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova,INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.

6. Konke akuthandileyo uYehova uya kwenza,Ezulwini nasemhlabeni,Ezilwandle nasemanzini onke enzonzobila.

7. Ulonyusa amafu eziphelweni zehlabathi,Imvula wayenzela imibane;Ulorhola umoya koovimba bakhe.

8. Owawabulalayo amazibulo aseYiputa,Ethabathele ebantwini wesa ezinkomeni;

9. Wathumela imiqondiso nezimangaPhakathi kwakho, Yiputa,KuFaro nakubakhonzi bakhe bonke;

10. Owabulala iintlanga ezinkulu,Wabulala ookumkani abanamandla;

11. OoSihon, ukumkani wama-Amori,No-Ogi, ukumkani waseBhashan,Nezikumkani zonke zakwaKanan;

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 135