Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 132:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam,Nesingqiniso sam endibafundisayo:Oonyana babo bothi nabo bahlaleEtroneni yakho nanini.

13. Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon,Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;

14. Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini;Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.

15. Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene;Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,

16. Ndibambathise ngosindiso ababingeleli bayo,Abenceba bayo bamemelele bememelela.

17. Apho ndiya kumhlumisela uphondo uDavide,Ndiya kumlungisela isibane umthanjiswa wam.

18. Iintshaba zakhe ndiya kuzambathisa udano;Ke phezu kwakhe yena síya kutyatyamba isithsaba sakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 132