Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 132:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, mkhumbulele uDavideUkucinezeleka kwakhe konke;

2. Yena wamfungelayo uYehova,Wabhambathisa kwimbalasane enguThixo kaYakobi,

3. Esithi, Andiyi kungena ententeni eyindlu yam,Andiyi kunyuka ndiye esililini, emandlalweni wam;

4. Andiyi kuwanika amehlo am ubuthongo,Neenkophe zam ukozela:

5. Ndide ndimfumanele indawo uYehova,Ndiyifumanele umnquba imbalasane kaYakobi.

6. Khangela, sawuva e-Efrata,Sawufumana ezintilini zaseKiriyati-yeharim.*

7. Masingene emnqubeni wakhe,Siqubude esihlalweni seenyawo zakhe.

8. Khawusuk' ume, Yehova, uze ekuphumleni kwakho,Wena netyeya yamandla akho.

9. Ababingeleli bakho mabambathe ubulungisa,Bamemelele abakho benceba.

10. Ngenxa kaDavide umkhonzi wakho,Musa ukubutyhala ubuso bomthanjiswa wakho.

11. UYehova wamfungela uDavide;Inyaniso, akayi kubuya kuloo nto,Esithi, Esiqhameni sezibilini zakhoNdimisa oya kuba setroneni yakho.

12. Ukuba bathe oonyana bakho bawugcina umnqophiso wam,Nesingqiniso sam endibafundisayo:Oonyana babo bothi nabo bahlaleEtroneni yakho nanini.

13. Ngokuba uYehova uyinyule iZiyon,Uyinqwenele ukuba ibe likhaya lakhe;

14. Esithi, Nantsi indawo yam yokuphumla kwam nanini;Ndiya kuhlala apha, ngokuba oko ndikunqwenele.

15. Umphako wayo ndiya kuwusikelela kunene;Amahlwempu ayo ndiya kuwahluthisa ngesonka,

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 132