Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 129:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam,Makatsho uSirayeli;

2. Kukaninzi bendibandezela kwasebuncinaneni bam:Ababanga nakundithini noko.

3. Abalimi balima emhlana kum,Bayolula indima yabo.

4. UYehova ulilungisa,Uzinqumle izintya zabangendawo.

5. Mabadane babuye umvaBonke abayithiyayo iZiyon.

6. Mababe njengengca ephuma phezu kwezindlu,Eyomayo ingekahlumi,

7. Engekasizalisi nesandla sakhe umvuni,Engekalizalisi nesondo lengubo yakhe umbophi wezithungu;

8. Bengekathi nabadlulayo,Intsikelelo kaYehova mayibe kuni;Sìyanisikelela egameni likaYehova.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 129