Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 122:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Yerusalem, wena wakhiweyoNgokomzi ohlangeneyo wamnye;

4. Apho zinyuka ziye khona izizwe,Izizwe zikaYehova;Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli,Ukuba kubúlelwe kwigama likaYehova.

5. Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba,Iitrone zendlu kaDavide.

6. Celelani iYerusalem uxolo;Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,

7. Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo,Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.

8. Ngenxa yabazalwana bam nowethu,Makhe ndithethe uxolo ngawe.

9. Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu,Ndiya kufuna okukulungeleyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 122