Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 121:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Akayi kukha alunikele unyawo lwakho ekutyibilikeni;Akayi kukha ozele umgcini wakho.

4. Ùyabona, akozeli, akalali,UMgcini kaSirayeli.

5. NguYehova umgcini wakho,NguYehova umthunzi wakho ekunene kwakho.

6. Emini ilanga aliyi kukwenzakalisa,Nenyanga ebusuku.

7. UYehova uya kukugcina ebubini bonke,Uya kuwugcina umphefumlo wakho.

8. UYehova uya kukugcina ukuphuma kwakho nokungena kwakho,Kususela ngoku kude kuse ephakadeni.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 121