Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:90-101 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

90. Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana;Ulizinzisile ihlabathi, lema.

91. Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.

92. Koko umyalelo wakho wandiyolisáyo,Ndinge ndaphelayo ekucinezelekeni kwam.

93. Andiyi kuzilibala naphakade iziyalezo zakho,Ngokuba undiphilisile ngazo.

94. Ndingowakho mna, ndísindise,Kuba ndicamanga ngeziyalezo zakho.

95. Abangendawo bandilindile ukuze banditshabalalise;Mna ndigqalé izingqiniso zakho.

96. Yonke inzaliseko ndiyibonile apho iphela khona;Ke wona umthetho wakho ngumphangalala omkhulu.

97. Hayi, ukuwuthanda kwam umyalelo wakho!Imini le yonke ndiyacamngca ngawo.

98. Indifundisa ubulumko ngaphezu kweentshaba zam imithetho yakho,Ngokuba yeyam ngonaphakade.

99. Ndìnokuqiqa ngaphezu kwabafundisi bam bonke,Ngokuba ngezingqiniso zakho ndiyacamngca.

100. Ndinokuqonda ngaphezu kwamadoda amakhulu,Ngokuba ndizibamba iziyalezo zakho.

101. Ndizinqandile iinyawo zam kwiindlela zonke ezimbi,Ukuze ndiligcine ilizwi lakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119