Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:79-91 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

79. Mabandibuyele abakoyikayo,Nabazaziyo izingqiniso zakho.

80. Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,Ukuze ndingadani.

81. Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Ndilindéle elizwini lakho.

82. Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho,Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na?

83. Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini;Andiyilibali imimiselo yakho.

84. Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?

85. Abakhukhumali bandimbele izihogo,Abangenamyalelo wakho.

86. Yonke imithetho yakho ithembekile:Bandisukela ngobuxoki; ndíncede.

87. Baphantse ukundigqibela emhlabeni,Ke mna andizilahli iziyalezo zakho.

88. Ndíphilise ngokwenceba yakho,Ndizigcine izingqiniso zomlomo wakho.

89. Lingunaphakade, Yehova,Limi emazulwini ilizwi lakho.

90. Ukuthembeka kwakho kukwizizukulwana ngezizukulwana;Ulizinzisile ihlabathi, lema.

91. Ezo zinto zimele izigwebo zakho nanamhla,Ngokuba iinto zonke zingabakhonzi bakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119