Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:75-86 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

75. Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.

76. Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.

77. Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile,Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.

78. Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki,Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.

79. Mabandibuyele abakoyikayo,Nabazaziyo izingqiniso zakho.

80. Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,Ukuze ndingadani.

81. Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Ndilindéle elizwini lakho.

82. Amehlo am ayaphela kukulangazelela intetho yakho,Ndisithi, Ùya kundithuthuzela nini na?

83. Noko ndithe ndaba njengentsuba emsini;Andiyilibali imimiselo yakho.

84. Zingaphi na iintsuku zomkhonzi wakho?Ùya kuda ubagwebe nini na abandisukelayo?

85. Abakhukhumali bandimbele izihogo,Abangenamyalelo wakho.

86. Yonke imithetho yakho ithembekile:Bandisukela ngobuxoki; ndíncede.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119