Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:74-81 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

74. Abakoyikayo bondibona, bavuye,Ngokuba ndilindele elizwini lakho.

75. Ndiyazi, Yehova, ukuba zinobulungisa izigwebo zakho;Ùndicinezèle, phofu ùthembekile.

76. Ngamana inceba yakho yaba yeyokundithuthuzela,Njengokwentetho yakho kumkhonzi wakho.

77. Mazize kum iimfesane zakho, ndiphile,Ngokuba umyalelo wakho undiyolisa.

78. Mabadane abakhukhumali, ngokuba béndigobele phantsi ngobuxoki,Mna ndicamngca ngeziyalezo zakho.

79. Mabandibuyele abakoyikayo,Nabazaziyo izingqiniso zakho.

80. Mayigqibelele intliziyo yam emimiselweni yakho,Ukuze ndingadani.

81. Umphefumlo wam uyaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Ndilindéle elizwini lakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119