Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:63-71 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

63. Ndilidlelane labo bonke abakoyikayo,Nelabazigcinayo iziyalezo zakho.

64. Inceba yakho, Yehova, izalise ihlabathi;Ndífundise imimiselo yakho.

65. Umenzéle okulungileyo umkhonzi wakho,Yehova, ngokwelizwi lakho.

66. Ndífundise, ndibe nemvo nokwazi okulungileyo,Ngokuba ndikholwa yimithetho yakho.

67. Ndingekacinezelwa, ndaye ndilahleka;Kungoku ndiyigcinile intetho yakho.

68. Ùlungile wena, ulungisa;Ndífundise imimiselo yakho.

69. Abakhukhumali bathungele ubuxoki ngam;Mna ndizibamba ngentliziyo yonke iziyalezo zakho.

70. Ithe fithi kukutyeba intliziyo yabo;Ke mna ndiziyolisa ngomyalelo wakho.

71. Kundilungele okokuba ndacinezelwayo,Ukuze ndiyifunde imimiselo yakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119