Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:4-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ùzimisile iziyalezo zakho,Ukuba zigcinwe kunene.

5. Azaba iindlela zam bezibhekiselweUkugcina imimiselo yakho!

6. Bendingayi kudana keEkubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.

7. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye,Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.

8. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho,Musa ukundishiya kuphele.

9. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.

10. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke;Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.

11. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,Ukuze ndingoni kuwe.

12. Ungowokubongwa, Yehova;Ndífundise imimiselo yakho.

13. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wamOnke amasiko omlomo wakho.

14. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,Ngathi kusebuncwaneni bonke.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119