Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:142-159 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

142. Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade,Umyalelo wakho uyinyaniso.

143. Imbandezelo nengcutheko indifumene,Imithetho yakho iyandiyolisa.

144. Zinobulungisa ngonaphakade izingqiniso zakho,Ndíqondise, ndiphile.

145. Ndikhala ngentliziyo yonke, ndíphendule;Yehova, imimiselo yakho ndiya kuyibamba.

146. Ndikhala kuwe, ndísindise,Ndigcìne izingqiniso zakho.

147. Ndakúphangela ukusa, ndazibika,Ndalindela emazwini akho.

148. Amehlo am áphengela imilindo yasebusuku,Ukuze ndicamngce ngentetho yakho.

149. Líve ilizwi lam ngokwenceba yakho,Yehova, ndíphilise ngokwamasiko akho.

150. Bayasondela abaphuthuma amanyala,Banyawuka emyalelweni wakho;

151. Ùsondele wena, Yehova,Yonke imithetho yakho iyinyaniso.

152. Kudala ndisazi ngokwezingqiniso zakho,Ukuba uzisekile ngonaphakade.

153. Khangela ukucinezeleka kwam, undihlangule,Ngokuba ndingawulibali umyalelo wakho.

154. Bambana nobambene nam, undikhulule,Ndíphilise ngokwelizwi lakho.

155. Lunyawukile kwabangendawo usindiso,Ngokuba abayifuni imimiselo yakho.

156. Iimfesane zakho zininzi, Yehova;Ndíphilise ngokwamasiko akho.

157. Baninzi abandisukelayo nabandibandezelayo;Àndithi gu bucala ezingqinisweni zakho.

158. Ndababona abatshinizi, ndakruquka,Abo bangàyigciniyo intetho yakho.

159. Bóna ukuthanda kwam iziyalezo zakho,Yehova, ndíphilise ngokwenceba yakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119