131. Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza,Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.
132. Ndíbheke, undibabale,Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.
133. Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho,Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.
134. Ndíkhulule ekucudiseni komntu,Ndizigcine iziyalezo zakho.