Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:127-142 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

127. Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakhoNgaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.

128. Ngenxa yoko ndithi, Zonke iziyalezo zakho zithe tye ngezinto zonke;Wonke umendo wobuxoki ndiwuthiyile.

129. Ziyimisebenzi ebalulekileyo izingqiniso zakho,Ngenxa yoko úzibambile umphefumlo wam.

130. Ukutyhila kwamazwi akho kuyakhanyisa,Kuqondisa abazizidenge.

131. Ndakhamisa umlomo wam, ndakhefuza,Ngokuba ndiyilangazelela imithetho yakho.

132. Ndíbheke, undibabale,Ngokwesiko lakho kubathandi begama lakho.

133. Qinisa ukunyathela kwam ngentetho yakho,Mabungabi nagunya kum ubutshinga, nabuphi na.

134. Ndíkhulule ekucudiseni komntu,Ndizigcine iziyalezo zakho.

135. Khanyisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Undifundise imimiselo yakho.

136. Ahla imijelo yamanzi amehlo am,Ngenxa yokuba bengawugcini umyalelo wakho.

137. Ùlilungisa wena, Yehova,Zithe tye izigwebo zakho.

138. Uzimisile izingqiniso zakho, zanobulungisa,Zaba nokuthembeka kakhulu.

139. Ikhwele lam lindibhangisile,Ngokuba abandibandezelayo bewalibele amazwi akho.

140. Ilizwi lakho linyibilikisiwe njengegolide kunene,Umkhonzi wakho uyalithanda.

141. Ndimncinane, ndideliwe,Noko andizilibali iziyalezo zakho.

142. Ubulungisa bakho bubulungisa obungunaphakade,Umyalelo wakho uyinyaniso.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119