Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:112-127 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

112. Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakhoNgonaphakade, kuphele.

113. Abambaxa ndiyabathiya,Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.

114. Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,Ndìlindele elizwini lakho.

115. Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,Ndibámbe imithetho yoThixo wam.

116. Ndízimase ngokwelizwi lakho, ndiphile,Ungandidanisi ekulindeni kwam.

117. Ndíxhase ndisinde,Ndihlale ndibheke emimiselweni yakho.

118. Ubacukucezile bonke abalahlekana nemimiselo yakho,Ngokuba inkohliso yabo ibubuxoki.

119. Wena ususa bonke abangendawo behlabathi njengentlenga,Ngoko ndiyazithanda izingqiniso zakho.

120. Inyama yam isuka ihambe kukunkwantyiswa nguwe,Ndizoyike izigwebo zakho.

121. Ndenza ngesiko nangobulungisa,Ungandinikeli kwabandicudisayo.

122. Mmele umkhonzi wakho, kulunge;Mabangandicudisi abakhukhumali.

123. Amehlo am ayaphela kukululangazelela usindiso lwakho,Nentetho yobulungisa bakho.

124. Umkhonzi wakho menzele ngokwenceba yakhoUndifundise imimiselo yakho.

125. Ndingumkhonzi wakho, ndiqondise,Ndizàzi izingqiniso zakho.

126. Lilixa lokuba uYehova enze,Kuba bawaphúle umyalelo wakho.

127. Ngenxa yoko ndiyithanda imithetho yakhoNgaphezu kwegolide, nakwengcwengiweyo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119