Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:102-115 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

102. Andisuki emasikweni akho,Ngokuba ùndiyalile wena.

103. Hayi, ukuba mnandi kwentetho yakho ekhuhlangubeni lam!Igqithe nobusi emlonyeni wam.

104. Ngeziyalezo zakho ndinokuqonda,Ngenxa yoko ndiwuthiyile wonke umendo wobuxoki.

105. Lisisibane seenyawo zam ilizwi lakho,Likukukhanya emendweni wam.

106. Ndikufungele, ndikumisile,Ukuzigcina izigwebo zobulungisa bakho.

107. Ndide ndacinezeleka kakhulu;Yehova, ndíphilise ngokwelizwi lakho.

108. Ngamana wakholeka kuwe, Yehova, umbingelelo wesisa womlomo wam;Ndífundise amasiko akho.

109. Umphefumlo wam uhlala usesandleni sam,Ndingàwulibali umyalelo wakho.

110. Abangendawo bandenzele umgibe,Andiphambukanga eziyalezweni zakho.

111. Ndizidlé ilifa izingqiniso zakho ngonaphakade,Ngokuba ziyimihlali yentliziyo yam;

112. Intliziyo yam ndiyithobele ekwenzeni imimiselo yakhoNgonaphakade, kuphele.

113. Abambaxa ndiyabathiya,Wona umyalelo wakho ndiyawuthanda.

114. Isithe lam nengweletshetshe yam nguwe,Ndìlindele elizwini lakho.

115. Sukani kum, nina benzi beento ezimbi,Ndibámbe imithetho yoThixo wam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119