Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 119:1-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Hayi, uyolo lwabandlela igqibeleleyo,Bona bahambayo ngomyalelo kaYehova!

2. Hayi, uyolo lwababambe izingqiniso zakhe,Abamquqelayo ngentliziyo epheleleyo!

3. Àbasebenzi nokusebenza bugqwetha,Bayahamba ngeendlela zakhe.

4. Ùzimisile iziyalezo zakho,Ukuba zigcinwe kunene.

5. Azaba iindlela zam bezibhekiselweUkugcina imimiselo yakho!

6. Bendingayi kudana keEkubhekeni kwam kwimithetho yakho yonke.

7. Ndiya kubulela kuwe ngentliziyo ethe tye,Ekuzifundeni kwam izigwebo zobulungisa bakho.

8. Ndiya kuyigcina imimiselo yakho,Musa ukundishiya kuphele.

9. Umfana uya kuwuqaqambisa ngantoni na umendo wakhe?Ngokuzigcina ngokwelizwi lakho.

10. Ndiya kuquqela kuwe ngentliziyo yam yonke;Musa ukundilahlekanisa nemithetho yakho.

11. Ndiyibeké intetho yakho entliziyweni yam,Ukuze ndingoni kuwe.

12. Ungowokubongwa, Yehova;Ndífundise imimiselo yakho.

13. Ndiyawabalisa ngemilebe yomlomo wamOnke amasiko omlomo wakho.

14. Ndinemihlali endleleni yezingqiniso zakho,Ngathi kusebuncwaneni bonke.

15. Ndiya kucamngca ngeziyalezo zakho,Ndibheke kumendo wakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 119