Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 118:18-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. UYehova undithethisé kakhulu,Ke akandinikela ekufeni.

19. Ndivuleleni amasango obulungisa;Ndiya kungena ngawo, ndiya kubulela kuYehova.

20. Nali isango likaYehova,Amalungisa angena ngalo.

21. Ndiyabulela kuwe kuba undiphendule,Waba lusindiso kum.

22. Ilitye abalilahláyo abakhiLaba yintloko yembombo.

23. Kuvele kuYehova oku,Kungumsebenzi obalulekileyo emehlweni ethu.

24. Le yimini ayenzileyo uYehova,Masigcobe sivuye ngayo.

25. Yehova, camagu, khawusindise,Yehova, camagu, khawuhlangule.

26. Makabongwe lo uzayo esegameni likaYehova,Siyanisikelela nina basendlwini kaYehova.

27. UYehova nguThixo, úsikhanyisela;Bophelelani umbingelelo womthendeleko ngeentambo,Kude kuye ezimpondweni zesibingelelo.

28. ÙnguThixo wam, ndiya kubulela kuwe;ÙnguThixo wam, ndiya kukuphakamisa.

29. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 118