Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 116:3-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Izintya zokufa zandijikela,Iingxingongo zelabafileyo zandifumana,Ndafunyanwa ziimbandezelo nesingqala.

4. Ndanqula ke igama likaYehova, ndathi,Yehova, ndiya kukhunga, siza umphefumlo wam.

5. UYehova unobabalo, ulilungisa,UThixo wethu unemfesane.

6. Ngumgcini wabazizidenge uYehova;Ndandiswele, wandisindisa.

7. Buyela ekuphumleni kwakho, mphefumlo wam,Ngokuba uYehova ukuphatha kakuhle;

8. Ngokuba ewuhlangule umphefumlo wam ekufeni,Iliso lam ezinyembezini,Unyawo lwam ekungqulekeni.

9. Ndiya kuhamba-hamba phambi koYehovaEmazweni abaphilileyo.

10. Ndiyakholwa, xa ndithethayo;Mna ndicinezelekile kunene.

11. Ndathi mna ekuphakuzeleni kwam,Bonke abantu ngamaxoki.

12. Ndingámbuyisela ngantoni na uYehovaKonke ukundiphatha kwakhe kakuhle?

13. Ndophakamisa indebe yosindiso,Ndinqule igama likaYehova.

14. Ewe, ndozizalisa izibhambathiso zam kuYehova,Phambi kwabantu bakhe bonke kalokunje.

15. Kunqabile emehlweni kaYehovaUkufa kwakbakhe benceba.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 116