Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 114:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ekuphumeni kukaSirayeli eYiputa,Kwendlu kaYakobi ebantwini abantetho ingaziwayo,

2. UYuda waba yingcwele yakhe,USirayeli waba sisikumkani sakhe.

3. Ulwandle lwabona, lwasaba,IYordan yabuya umva.

4. Iintaba zadloba njengeenkunzi zeegusha;Iinduli, njengamatakane omhlambi.

5. Ùbunani na, lulwandlendini, ukuba usabe?Wena Yordan, ukuba ubuye umva?

6. Nina zintaba, ukuba nidlobe njengeenkunzi zeegusha?Nina zinduli, njengamatakane omhlambi?

7. Wena hlabathi, zibhijabhije ebusweni beNkosi,Ebusweni boThixo kaYakobi;

8. Uloguqula iliwa libe lidike lamanzi,Iqhwitha libe yimithombo yamanzi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 114