Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 111:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Únendili nobungangamela umsebenzi wakhe,Ubulungisa bakhe bumi ngonaphakade.

4. Uyenzele ukuze ikhunjulwe imisebenzi yakhe ebalulekileyo;Unobabalo nemfesane uYehova.

5. Ubaphé ukudla abamoyikayo;Uwukhumbule ngonaphakade umnqophiso wakhe.

6. Ubabonise abantu bakhe amandla ezenzo zakhe,Ebanika ilifa leentlanga.

7. Izenzo zezandla zakhe ziyinyaniso nesiko;Zithembekile zonke iziyalezo zakhe.

8. Zizimasekile nanini nangonaphakade;Zenziwe ngenyaniso, zithe tye.

9. Ùbathumele abantu bakhe inkululeko;Uwumisele ngonaphakade umnqophiso wakhe;Lingcwele, liyoyikeka, igama lakhe.

10. Ingqalo yobulumko kukoyika uYehova,Banengqiqo elungileyo bonke abenza ngako;Indumiso yakhe ihlala imi.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 111