Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 109:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Bandijikele ngeentetho zentiyo;Balwa nam ngelizé.

4. Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa,Ndibe mna ndithandaza.

5. Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi;Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.

6. Misa ongendawo, abe ngumveleli wakhe,Eme uSathana ngasekunene kwakhe.

7. Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo,Nomthandazo wakhe ube sisono.

8. Imihla yakhe mayibe mbalwa,Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.

9. Oonyana bakhe mababe ziinkedama,Nomkakhe abe ngumhlolokazi;

10. Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 109