Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 109:2-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Ngokuba bandakhamisele umlomo ongendawo, nomlomo onenkohliso;Bathetha ngam ngolwimi lobuxoki.

3. Bandijikele ngeentetho zentiyo;Balwa nam ngelizé.

4. Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandichasa,Ndibe mna ndithandaza.

5. Endaweni yobulungisa bandibuyekeza ngobubi;Ekubeni mna ndibathanda, bona bayandithiya.

6. Misa ongendawo, abe ngumveleli wakhe,Eme uSathana ngasekunene kwakhe.

7. Ekuthethweni kwetyala makaphume engongendawo,Nomthandazo wakhe ube sisono.

8. Imihla yakhe mayibe mbalwa,Mabuthatyathwe ngomnye ubuveleli bakhe.

9. Oonyana bakhe mababe ziinkedama,Nomkakhe abe ngumhlolokazi;

10. Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.

11. Umboleki-mali makakushwankathele konke anako,Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.

12. Makungabikho wolulela nceba kuye,Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.

13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.

14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.

15. Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;

16. Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,Etshutshise indoda elusizana,Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.

17. Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 109