Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 109:12-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Makungabikho wolulela nceba kuye,Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.

13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.

14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.

15. Masibe phambi koYehova ngamaxesha onke,Akunqumle ehlabathini ukukhunjulwa kwabo;

16. Ngenxa enokuba engakukhumbulanga ukwenza inceba,Etshutshise indoda elusizana,Elihlwempu, enentliziyo eyothukileyo, ukuba ayibulale.

17. Ewe, wathanda ukuqalekisa, kwamfikela;Akakufuna ukusikelela, kwakhwelela kùde kuye.

18. Wambatha ukuqalekisa kwanga yingubo yakhe,Kwangena embilinini wakhe njengamanzi,Nanjengeoli emathanjeni akhe.

19. Makube njengengubo kuye, azithe wambu ngayo,Kube luqhwemesha, alunxibe amaxesha onke.

20. Nguwo lowo umvuzo wabandichasayo, ophuma kuYehova,Wabathetha okubi ngomphefumlo wam.

21. Ke wena Yehova, Nkosi, ndénzele ngenxa yegama lakho;Ngokokuba ilungile inceba yakho; ndíhlangule.

22. Ngokuba ndilusizana, ndilihlwempu,Intliziyo yam ihlatyiwe phakathi kwam.

23. Ndijengethunzi xa lolukayo, ndiyemka;Ndiphetshethwa njengenkumbi.

24. Amadolo am ayagexa kukuzila ukudla,Nenyama yam ibhityile, tu ukutyeba.

25. Ndithe ndasisingcikivo kubo;Béndibona, bahlunguzela intloko.

26. Ndíncede, Yehova, Thixo wam,Ndísindise ngokwenceba yakho;

27. Bazi ukuba sisandla sakho eso,Ukuba kukwenza kwakho, Yehova.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 109