Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:36-43 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

36. Wabahlalisa khona abalambileyo,Bamisa umzi wokuhlala.

37. Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya,Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo.

38. Wabasikelela, banda kunene,Iinkomo zabo akazinciphisa.

39. Bancipha, basibekekaNgokukhanyangwa bububi nesingqala.

40. Úwagalele ngendelo amanene,Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela.

41. Walisa engxondeni ihlwempu, kùde nengcinezelo,Walenzela imizalwana yanjengomhlambi.

42. Baya kubona abathe tye, bavuye,Bonke ubugqwetha buvale umlomo.

43. Lowo ulumkileyo makazigcine ezi ndawo,Azigqale iinceba zikaYehova.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107