Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:29-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

29. Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,Amaza ayo azola;

30. Bavuya ke, kuba edambile;Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.

31. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!

32. Mabamphakamise ebandleni labantu,Bamdumise embuthweni yamadoda amakhulu.

33. Úyenze imilambo yaba yintlango,Namathende amanzi aba ngumhlaba onxaniweyo;

34. Ilizwe elineziqhamo laba leletyuwa,Ngenxa yezinto ezimbi zabemi balo.

35. Úyenze intlango yaba lidike elinamanzi,Ilizwe elingumqwebedu laba ngamathende amanzi.

36. Wabahlalisa khona abalambileyo,Bamisa umzi wokuhlala.

37. Bahlwayela amasimi, batyala izidiliya,Bavelisa iziqhamo, baba nongeniselo.

38. Wabasikelela, banda kunene,Iinkomo zabo akazinciphisa.

39. Bancipha, basibekekaNgokukhanyangwa bububi nesingqala.

40. Úwagalele ngendelo amanene,Wawadingisa enyanyeni, kungekho ndlela.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107