Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:26-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Banyuka basinga ezulwini, behla basinga emanzini enzonzobila;Umphefumlo wabo uthe amandla bububi.

27. Bathendeleka, bahexa njengenxila,Butshone bonke ubulumko babo.

28. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabakhupha ekucuthekeni kwabo.

29. Ukumisile ukuvuthuza, kwathi cwaka,Amaza ayo azola;

30. Bavuya ke, kuba edambile;Wabafikisa echwebeni abalilangazelelayo.

31. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107