Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:10-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Behleli emnyameni nasethunzini lokufa,Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,

11. Ngokuba bephikise amazwi kaThixo,Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:

12. Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima;Bakhubeka, akwabakho mncedi.

13. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo;Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.

14. Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa,Waziqhawula iimbophelebo zabo.

15. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!

16. Kuba ezaphule iingcango zobhedu,Wayixakaxa imivalo yesinyithi.

17. Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo,Nangenxa yobugwenxa babo, bácinezelwa;

18. Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo,Báfika emasangweni okufa.

19. Bákhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.

20. Wathumela ilizwi lakhe, wabaphilisa,Wabasiza ezihogweni zabo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107