Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 107:1-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

2. Mabatsho abakhululwa bakaYehova,Awabakhululayo esandleni sombandezeli;

3. Wababutha emazweni,Empumalanga nasentshonalanga,Entla naselwandle.

4. Badinga entlango, endleleni esenkanga,la, Àbafumana mzi wakuhlala.

5. Belambile, benxaniwe,Watyhafa phakathi kwabo umphefumlo wabo.

6. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo,Wabahlangula ekucuthekeni kwabo;

7. Wabanyathelisa endleleni ethe tye,Ukuba baye kumzi wokuhlala.

8. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!

9. Kuba ewuhluthisile umphefumlo otshobayo,Wawuzalisa ngokulungileyo umphefumlo olambileyo.

10. Behleli emnyameni nasethunzini lokufa,Bekhonkxwe yimbandezelo nasisinyithi,

11. Ngokuba bephikise amazwi kaThixo,Belitshitshisa icebo lOsenyangweni:

12. Wayithoba intliziyo yabo ngokubasebenzisa kanzima;Bakhubeka, akwabakho mncedi.

13. Bakhala ke kuYehova embandezelweni yabo;Wabasindisa ekucuthekeni kwabo.

14. Wabakhupha emnyameni nasethunzini lokufa,Waziqhawula iimbophelebo zabo.

15. Mabayibulele kuYehova inceba yakhe,Nemisebenzi yakhe ebalulekileyo koonyana babantu!

16. Kuba ezaphule iingcango zobhedu,Wayixakaxa imivalo yesinyithi.

17. Abamathileyo, ngenxa yendlela yokukreqa kwabo,Nangenxa yobugwenxa babo, bácinezelwa;

18. Konke ukudla kwaba lisikizi kumphefumlo wabo,Báfika emasangweni okufa.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 107