Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 105:5-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Khumbulani imisebenzi yakhe ebalulekileyo awayenzayo,Izimanga zakhe, nezigwebo zomlomo wakhe,

6. Mbewu ka-Abraham, yomkhonzi wakhe,Nyana bakaYakobi, banyulwa bakhe.

7. NguYehova uThixo wethu yena;Zisehlabathini lonke izigwebo zakhe.

8. Úwukhumbula ngonaphakade umnqophiso wakhe,Ilizwi awalimisela iwaka lezizukulwana;

9. Awanqophisana ngalo noAbraham,Awalifungela uIsake;

10. Awalimisayo ukuba libe ngummiselo kuYakobi,Libe ngumnqophiso ongunaphakade kuSirayeli;

11. Esithi, Ndikunika ilizwe lakwaKanan,Libe licandelo lelifa lenu;

12. Besengamadoda ambalwa,Bebancinane, bengabaphambukeli kulo.

13. Babehamba besuka kolunye uhlanga, baye kolunye uhlanga,Besuka kobunye ubukumkani, baye kwabanye abantu.

14. Akavumelanga mntu ukuba abacudise,Wohlwaya ookumkani ngenxa yabo;

15. Esithi, Musani ukubachukumisa abathanjiswa bam,Musani ukubaphatha kakubi abaprofeti bam.

16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.

17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.

18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;

19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.

20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;

21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,

22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 105