Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 105:31-40 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Wathetha, zafika izibawu,Iingcongconi, emideni yabo yonke.

32. Wabanika isichotho, saba yimvula;Umlilo walenya ezweni labo.

33. Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo,Wayishwaqa imithi yemida yabo.

34. Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo,Nezikhothululayo, into engenakubalwa;

35. Zayidla imifuno yonke ezweni labo,Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.

36. Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo,Intlahlela yamandla abo onke.

37. Wabakhupha ke abakhe benesilivere negolide,Akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.

38. Lavuya iYiputa ekuphumeni kwabo,Ngokuba lifikelwe kukunkwantyisa kwabo.

39. Waneka ilifu lokubasitha,Nomlilo wokukhanyisa ebusuku.

40. Babiza, wazisa izagwityi,Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 105