Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 105:30-45 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

30. Ilizwe labo lanyakazela amaseleEzingontsini zookumkani babo.

31. Wathetha, zafika izibawu,Iingcongconi, emideni yabo yonke.

32. Wabanika isichotho, saba yimvula;Umlilo walenya ezweni labo.

33. Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo,Wayishwaqa imithi yemida yabo.

34. Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo,Nezikhothululayo, into engenakubalwa;

35. Zayidla imifuno yonke ezweni labo,Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.

36. Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo,Intlahlela yamandla abo onke.

37. Wabakhupha ke abakhe benesilivere negolide,Akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.

38. Lavuya iYiputa ekuphumeni kwabo,Ngokuba lifikelwe kukunkwantyisa kwabo.

39. Waneka ilifu lokubasitha,Nomlilo wokukhanyisa ebusuku.

40. Babiza, wazisa izagwityi,Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.

41. Wavula iliwa, abaleka amanzi,Ahamba engumlambo emqwebedwini.

42. Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele, Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.

43. Wabakhupha abantu bakhe benemihlali,Abanyulwa bakhe bememelela.

44. Wabanika amazwe eentlanga,Bayihlutha inzuzo yokwaphuka kwezizwe,

45. Ukuze bayigcine imimiselo yakhe,Bayibambe imiyalelo yakhe.Haleluya!

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 105