Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 105:22-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.

23. Waza uSirayeli waya eYiputa,UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.

24. Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.

25. Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.

26. Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,NoAron awamnyulayo.

27. Bazenza kubo iindawo zemiqondiso yakhe,Nezimanga zakhe ezweni lakwaHam.

28. Wathumela ubumnyama, kwaba mnyama;Ababa nakuwaphikisa amazwi akhe.

29. Wawaguqula amanzi abo, aba ligazi,Wazibulala iintlanzi zabo.

30. Ilizwe labo lanyakazela amaseleEzingontsini zookumkani babo.

31. Wathetha, zafika izibawu,Iingcongconi, emideni yabo yonke.

32. Wabanika isichotho, saba yimvula;Umlilo walenya ezweni labo.

33. Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo,Wayishwaqa imithi yemida yabo.

34. Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo,Nezikhothululayo, into engenakubalwa;

35. Zayidla imifuno yonke ezweni labo,Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.

36. Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo,Intlahlela yamandla abo onke.

37. Wabakhupha ke abakhe benesilivere negolide,Akwabakho ukhubekayo ezizweni zakhe.

38. Lavuya iYiputa ekuphumeni kwabo,Ngokuba lifikelwe kukunkwantyisa kwabo.

39. Waneka ilifu lokubasitha,Nomlilo wokukhanyisa ebusuku.

40. Babiza, wazisa izagwityi,Wabahluthisa nangesonka sasezulwini.

41. Wavula iliwa, abaleka amanzi,Ahamba engumlambo emqwebedwini.

42. Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele, Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 105