Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 105:18-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;

19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.

20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;

21. Wamenza inkosi yendlu yakhe,Umlawuli wemfuyo yakhe yonke,

22. Ukuba abakhonkxe abathetheli bakhe ngokuzithandela kwakhe,Amadoda akhe amakhulu awafùndise ubulumko.

23. Waza uSirayeli waya eYiputa,UYakobi waphambukela ezweni lakwaHam.

24. Wabaqhamisa kakhulu abantu bakhe,Wabomeleza ngaphezu kwababandezeli babo.

25. Wazijika iintliziyo zabo, ukuba babathiye abantu bakhe,Babaqhathanisele abakhonzi bakhe.

26. Wathuma uMoses, umkhonzi wakhe,NoAron awamnyulayo.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 105