Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 103:5-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Lo uwuzalisayo umlomo wakho ngento elungileyo,Buhlaziyeke ubutsha bakho njengobokhozi.

6. NguYehova umenzi wemisebenzi yobulungisa,Nezigwebo ngenxa yabacudisiweyo bonke;

7. Umazisi weendlela zakhe kuMoses,Wezenzo zakhe ezincamisayo koonyana bakaSirayeli.

8. Unemfesane enobabalo uYehova,Uzeka kade umsindo, mkhulu ngenceba.

9. Akaphiki kuphele,Akawugcini umsindo ngonaphakade.

10. Akenzi kuthi ngokwezono zethu,Akasiphathi ngokobugwenxa bethu;

11. Ngokuba injengokuphakama kwezulu phezu komhlaba,Ukuba namandla, inceba yakhe kwabamoyikayo;

12. Kunjengokuba kude kwempumalanga entshonalanga,Ukulukhwelelisa kwakhe kuthi ukreqo lwethu;

13. Kunjengokusikwa yimfesane koyise kubantwana,Ukusikwa yimfesane kukaYehova kwabamoyikayo.

14. Ngokuba ùyakwazi yena ukubunjwa kwethu,Ekhumbula ukuba siluthuli.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 103