Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ndifana nengcwangube yentlango,Ndinjengesikhova sasemanxoweni.

7. Andilali;Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.

8. Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam,Abandigezelayo bathuka ngam.

9. Ngokuba ndidlé uthuthu njengesonka,Into endiyiselayo ndiyiphithikezé nezililo,

10. Ngenxa yokubhabhama kwakho noburhalarhume bakho;Ngokuba ùndifunqule wandilahla.

11. Imihla yam injengokoluka kwamathunzi;Mna ndomile njengomfuno.

12. Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

13. Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.

14. Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.

15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102