Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:15-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.

17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.

18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.

19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,

20. Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;

21. Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,Ngendumiso yakhe eYerusalem;

22. Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye,Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.

23. Úwathobile endleleni amandla am,Uyinqamle imihla yam.

24. Ndithi, Thixo wam, musa ukundisusa phakathi kwemihla yam.Ikwizizukulwana ngezizukulwana iminyaka yakho.

25. Waliseka kudala ihlabathi;Lisisenzo sezandla zakho izulu.

26. Ezo zinto ziya kudaka, wena ke ume;Zona zonke ziya konakala njengengubo,Wòzigugisa njengesambatho, ziguge;

27. Ke wena uhleli unguwe,Iminyaka yakho ayinakuphela.

28. Oonyana babakhonzi bakho baya kuhlala,Imbewu yabo izimasèke phambi kwakho.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102