Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ke wena, Yehova, uhleli ngonaphakade,Inkumbuzo yakho ikwizizukulwana ngezizukulwana.

13. Ùya kusuk' ume, uyiphathe iZiyon ngemfesane;Ngokuba lixesha lokuyibabala eli, ngokuba lifikile ixesha elimisiweyo.

14. Ngokuba abakhonzi bakho bakholiswe ngamatye ayo,Uthuli lwayo banofefe ngalo.

15. Ziya kuloyika iintlanga igama likaYehova,Nookumkani bonke behlabathi ubuqaqawuli bakho;

16. Ngokuba eyakhile iZiyon uYehova,Wabonakala ebuqaqawulini bakhe.

17. Uwubhekile umthandazo wabachushuluzayo,Àkawudela umthandazo wabo.

18. Oko kuya kubhalelwa isizukulwana esizayo,Abantu abaza kudalwa badumise uYehova.

19. Ngokuba úqondele, esendaweni yakhe ephezulu engcwele;Wondela ehlabathini esemazulwini uYehova,

20. Ukuba akuve ukugcuma kwabakhonkxiweyo,Abakhulule oonyana bokufa;

21. Bancokole eZiyon ngegama likaYehova,Ngendumiso yakhe eYerusalem;

22. Ekubuthelaneni kwezizwe ndawonye,Nezikumkani, ukuba zikhonze uYehova.

23. Úwathobile endleleni amandla am,Uyinqamle imihla yam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102