Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 102:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yehova, wuve umthandazo wam,Kufike kuwe ukuzibika kwam.

2. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam,Ndíthobele indlebe yakho;Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.

3. Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi;Amathambo am avutha njengeziko.

4. Ibethwé yoma njengomfuno intliziyo yam,Ngokuba ndilibele nokudla ukudla kwam.

5. Ngenxa yezwi lokugcuma kwamAmathambo am atshele enyameni yam.

6. Ndifana nengcwangube yentlango,Ndinjengesikhova sasemanxoweni.

7. Andilali;Ndinjengentaka eyodwa phezu kwendlu.

8. Imini yonke ziyandingcikiva iintshaba zam,Abandigezelayo bathuka ngam.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 102