Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 10:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Khawusuk' ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo.Musa ukubalibala abalulamileyo.

13. Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo,Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?

14. Ùbonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ubùbeke esandleni sakho;Úzinikela kuwe oludwayi;Ùngumncedi weenkedama wena.

15. Yaphula ingalo yongendawo;Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento.

16. UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade;Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe.

17. Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova;Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,

18. Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo,Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini.

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 10