12. Khawusuk' ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo.Musa ukubalibala abalulamileyo.
13. Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo,Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?
14. Ùbonile wena; ngokuba uyabubona ububi nenkathazo, ubùbeke esandleni sakho;Úzinikela kuwe oludwayi;Ùngumncedi weenkedama wena.
15. Yaphula ingalo yongendawo;Onobubi, mbuze okungendawo kwakhe, kungasali nento.
16. UYehova nguKumkani ngonaphakade kanaphakade;Zitshabalele iintlanga, azabakho ehlabathini lakhe.
17. Umnqweno wabalulamileyo uwuvile, Yehova;Wazizimasa iintliziyo zabo, wayibaza indlebe yakho,
18. Ukuba ugwebe ityala lenkedama noxinzelelweyo,Angabi sabangcangcazelisa umntu wasehlabathini.