Testamente Endala

Testamente Entsha

Iindumiso 10:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yini na ukuba umele mgama, Yehova,Uzifihle ngamaxesha engxingongo?

2. Ngokukratsha kwabangendawo bayatsha abaziintsizana;Babanjiswa ngamayelenqe abawacingileyo.

3. Ngokuba ongendawo uyaqhayisa ngeminqweno yomphefumlo wakhe.Nolibawa wahlukene noYehova, wamgiba.

4. Ongendawo ngobuchi bakhe uthi, Akasayi kubuza.Yonke iminkqangiyelo yakhe ithi, Akukho Thixo.

5. Ziqinile iindlela zakhe ngamaxesha onke;Ziphakamile izigwebo zakho, zikude kuye;Bonke ababandezeli bakhe úyabafuthela.

6. Úthi entliziyweni yakhe, Andisayi kushukunyiswa;Izizukulwana ngezizukulwana, ndingongayi kuba sebubini.

7. Umlomo wakhe uzele kukushwabula nokukhohlisa nokuxinezela.Ngaphantsi kolwimi lwakhe bububi nobutshinga.

8. Uhlala emilaleleni yeengqili,Agwinte omsulwa entsithelweni;Amehlo akhe azonda oludwayi.

9. Úlalela entsithelweni njengengonyama eludadeni wayo;Ulalela ukuba axwile emke nosizana;Uxwila emke nolusizana, elutsala ngomnatha wakhe.

10. Uyabuthuma, uyabunguzela,Bawele ezinzitsheni zakhe abaziindwayi.

11. Úthi entliziyweni yakhe, UThixo ulibele,Ubusithelisile ubuso bakhe, akabonanga nento.

12. Khawusuk' ume, Yehova, phakamisa isandla sakho, Thixo.Musa ukubalibala abalulamileyo.

13. Kungenxa yani na ukuba ongendawo amgibe uThixo,Athi entliziyweni yakhe, Akuyi kubuza?

funda isahluko epheleleyo Iindumiso 10