Testamente Endala

Testamente Entsha

Igenesis 9:22-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. UHam, uyise kaKanan, wabubona ubuzé bukayise, waxelela abakhuluwa bakhe bobabini ngaphandle.

23. UShem noYafete bathabatha ingubo, bayibeka emagxeni abo bobabini, baya ngomva, babugubungela ubuzé bukayise.

24. Wavuka uNowa ewayinini yakhe, wakwazi akwenzileyo unyana wakhe omnci kuye.

25. Wathi,Makaqalekiswe uKanan,Abe sisicaka sezicaka kubazalwana bakhe.

26. Wathi,Makabongwe uYehova uThixo kaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

27. UThixo makamvulele uYafete,Ahlale ezintenteni zikaShem,UKanan abe sisicaka kubo.

28. Wahlala uNowa emveni konogumbe iminyaka emakhulu mathathu anamanci mahlanu.

29. Yonke imihla kaNowa yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mahlanu; wafa ke.

funda isahluko epheleleyo Igenesis 9